{"id":11556,"date":"2019-06-25T08:45:38","date_gmt":"2019-06-25T07:45:38","guid":{"rendered":"http:\/\/www0.sun.ac.za\/languagecentre\/babambe-ngolwimi-abalusebenzisayo\/"},"modified":"2021-01-18T13:36:38","modified_gmt":"2021-01-18T13:36:38","slug":"babambe-ngolwimi-abalusebenzisayo","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/babambe-ngolwimi-abalusebenzisayo\/?lang=xh","title":{"rendered":"Babambe ngolwimi abalusebenzisayo"},"content":{"rendered":"<p>Kungxamisekile! Kusuka kumbutho owaziwa kakhulu! Shukuma ngoku!<\/p>\n<p>Mhlawumbi yinkohliso \u2026<\/p>\n<p>Ukuba usebenzela inkampani enkulu, kungenzeka ukuba ukhe wazifumana ii-imeyili ezisuka kwisebe le-IT, ezikulumkisayo ngohlaselo lweimeyili yobuqhetseba (phishing). Isizathu sezo zilumkiso zinjalo sisenokuba sesokuba kukho umntu ocofe kwikhonkco kwi-imeyili ebizama ukuntshontsha amagama wabasebenzisi, iiphasiwedi okanye iinkcukacha zebhanki, kwaye maninzi kakhulu amathuba wokuba loo nqevu usebenzise iakhawunti yalo mntu ukusasaza ii-imeyili ezininzi zobuqophololo (phishing).<\/p>\n<p>I-Verizon, inkampani yonxibelelwano ngomnxeba e-USA, yafumanisa ukuba kuthatha ngaphezu kwesiqingatha seyure (ngokomyinge) ukuba umqeshwa ayixele i-imeyili erhanelekayo. Ngenxa yoko, ngexesha lemizuzu nje engama-30, umntu omnye ubuncinane uyakuba sele ebambisekile emgibeni, ngokweenkcukachamanani. Wakubambiseka emgibeni, uya kuhendeka ze mva koko ujongane neziphumo zoko.<\/p>\n<p>Iindaba ezimnandi zezokokuba eyona ndlela ingundoqo yokuphepha iimeyili zobuqhetseba iphaya kulwimi.<\/p>\n<p>Ngethuba leNgqungquthela yamaZwe ngamaZwe ye-12 eyayingokuSebenzisa iKhompyutha kwiSemantiki ngo-2018, eyayisingathwe liZiko lobuNjineli kwezoMbane neze-Elektronika (i-IEEE), abaphandi baye babonisa ukuba, ngokuhlalutya ulwimi olusetyenziswe kwii-imeyili zobuqhetseba, banakho ukuzibona ngokuchanekileyo nangakumbi ii-imeyili ezizama ubuqhetseba kunenkqubo ephambli yokulwa ubuqhetseba kwiimeyili, nkqubo leyo iyeyenkampani yesayibha (yokhuseleko kwezobuchwepheshe obungeekhompyuta) iNetcraft. Omnye wemikhondo ephambili othe wabonwa ngabaphandi kukuba ii-imeyili zobuqhetseba soloko zivakala zingxamisekile, ziqulathe iintetha ezinjengokuthi &#8220;Tshintsha ngokukhawuleza&#8221; okanye &#8220;Thumela kwiiyure ezingama-24 ezilandelayo&#8221;. Okunye okukrokrisayo yindlela abizwa ngayo lowo ubhalelwayo \u2013 ngohlobo oluthile okanye ngendlela engabhekisi mntwini njengokuthi &#8220;Mthengi othandekayo&#8221;, nto leyo ifuna ukuba ulumke! Enye into onokuzibuza yona yeyokuba: Ingaba zikhona iimpazamo zopelo? Amaxesha amaninzi iimpazamo zopelo nezokubhala ziba ziimpawu ezibonisa mhlophe ukungathembeki, nto leyo ekubangela ukuba ube nemibuzo malunga nomthombo wembalelwano leyo.<\/p>\n<p>Ukuba awunasiphiwo sobungcali kwiilwimi, hlala koku kulandelayo:<\/p>\n<ul>\n<li>Qinisekisa ukuba i-imeyili kunye needilesi zewebhusayithi ezikwi-imeyili engenasihla.<\/li>\n<li>Musa ukuchofoza naliphi na ikhonkco kuyo nayiphi na i-imeyili \u2013 ngaphandle kokuba uyayazi into yokokuba umthumeli kunye nekhonkco bathembekile.<\/li>\n<li>Musa ukuziphendula izicelo ezifuna iingcombolo zakho zobuqu okanye ezimele kukhuselwa. Inyaniso yamandulo isasebenza nanamhla oku \u2013 ukuba into ivakala njengogqithiso, mhlawumbi ilulo.<\/li>\n<li>Gcina iiphasiwedi zakho ziyimfihlo ngawo onke amaxesha, nokuba ucinga ukuba unokuwuthemba umthombo ocela iiphasiwedi zakho.<\/li>\n<\/ul>\n<p>Ngelishwa, kuphithizela ii-imeyili zobuqhetseba phandl&#8217; apha. Hlala uthe qwa ngawo onke amaxesha!<\/p>\n<p>\u00a0<\/p>\n\n\n<figure class=\"wp-block-image size-large\"><a ref=\"magnificPopup\" href=\"http:\/\/www0.sun.ac.za\/languagecentre\/wp-content\/uploads\/2019\/06\/Phishing-visual_personal-data-300x168-1.png\"><img loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"300\" height=\"168\" src=\"http:\/\/www0.sun.ac.za\/languagecentre\/wp-content\/uploads\/2019\/06\/Phishing-visual_personal-data-300x168-1.png\" alt=\"Catch them out with language\" class=\"wp-image-11140\"\/><\/a><\/figure>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Kungxamisekile! Kusuka kumbutho owaziwa kakhulu! Shukuma ngoku! Mhlawumbi yinkohliso \u2026 Ukuba usebenzela inkampani enkulu, kungenzeka ukuba ukhe wazifumana ii-imeyili ezisuka kwisebe le-IT, ezikulumkisayo ngohlaselo lweimeyili yobuqhetseba (phishing). Isizathu sezo zilumkiso zinjalo sisenokuba sesokuba kukho umntu ocofe kwikhonkco kwi-imeyili ebizama ukuntshontsha amagama wabasebenzisi, iiphasiwedi okanye iinkcukacha zebhanki, kwaye maninzi kakhulu amathuba wokuba loo nqevu usebenzise iakhawunti&#8230;<\/p>\n","protected":false},"author":1,"featured_media":11140,"comment_status":"closed","ping_status":"closed","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_acf_changed":false,"inline_featured_image":false,"_monsterinsights_skip_tracking":false,"_monsterinsights_sitenote_active":false,"_monsterinsights_sitenote_note":"","_monsterinsights_sitenote_category":0,"_uf_show_specific_survey":0,"_uf_disable_surveys":false,"footnotes":""},"categories":[177,302,184,176],"tags":[],"class_list":["post-11556","post","type-post","status-publish","format-standard","has-post-thumbnail","hentry","category-dialogos-xh","category-ihabhu-yokufundwa-kweelwimi","category-our-languages-xh","category-recent-news-xh"],"acf":[],"aioseo_notices":[],"_links":{"self":[{"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/11556","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/users\/1"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=11556"}],"version-history":[{"count":1,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/11556\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":14156,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/11556\/revisions\/14156"}],"wp:featuredmedia":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/media\/11140"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=11556"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=11556"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=11556"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}