{"id":11567,"date":"2018-06-26T10:47:03","date_gmt":"2018-06-26T09:47:03","guid":{"rendered":"http:\/\/www0.sun.ac.za\/languagecentre\/iindlela-entsha-yokwenza-iiphasiwedi\/"},"modified":"2021-01-19T06:46:49","modified_gmt":"2021-01-19T06:46:49","slug":"iindlela-entsha-yokwenza-iiphasiwedi","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/iindlela-entsha-yokwenza-iiphasiwedi\/?lang=xh","title":{"rendered":"Iindlela entsha yokwenza iiphasiwedi"},"content":{"rendered":"<p>Kukho uhlobo oluthile lwenkxalabo ngalo lonke ixesha ucelwa ukuba wenze iphasiwedi entsha. Oku kungenziwa yinto yokokuba uphinda udala amanye amanani anguwe nothemba ukuba aya kugcinwa yiklawudi yekhompyutha (<em>internet cloud<\/em>) ethile. Nangona kunjalo, okungenzeka kukuba le nkxalabo yakho ivela kwinto yokokuba iphasiwedi yakho oyisebenzisayo ayindanga ngokwaneleyo, ayiqulethenga zimpawu zikhethekileyo okanye amanani awaneleyo, ayiqali ngehaiku kwaye ayipheli ngeempawu zokuqondisa.<\/p>\n<p>Ingaba ungayidala njani iphasiwedi entsonkothe ngokwaneleyo ukuba ihlangabezane nazo zonke iimfanelo \u2013 kuquka nobona bude buncinane beempawu ezili-12 \u2013 KWAYE kube lula ukuzikhumbula? Impendulo: kukudlala ngolwimi.<\/p>\n<p>Cinga ngento othi uyenze yonke le mihla enxulumene nexesha, umzekelo \u201c<strong>U<\/strong>ku<strong>P<\/strong>huma em<strong>S<\/strong>ebenzini <strong>nge<\/strong>-17:00 oku<strong>T<\/strong>hetha uku<strong>F<\/strong>ika e<strong>K<\/strong>haya <strong>nge<\/strong>-:17:35\u201d. Ngoku shunqulela esi sivakalisi: \u201cUPS@17:00tfk@17:35\u201d. Le yiphasiwedi eneempawu ezili-18 nekulula ukuyikhumbula kwaye ineempawu ezikhethekileyo ezimbini, oonobumba abakhulu abathathu nabancinane abathathu, amanani amane kunye nemiqondiso emibini u-@. Ukusebenzisa isivakalisi esibonakalisa ixesha kwenza ukuba kubelula ukuquka amanani neempawu ezingacingelekanga. Enye indlela, ingakukubalisa ibali lakho buqu ngokusebenzisa kwalo mthethosiseko: \u201cNFKaPa@23Epr\u20191998\u201d okungaguqulelwa njengokuthi \u201c<strong>N<\/strong>da<strong>F<\/strong>ika e<strong>KaPa<\/strong> ngo<strong>w<\/strong>ama-23 ku<strong>Epr<\/strong>eli 1998\u201d.<\/p>\n<p>Kubalulekile ukuba ugcine isivakalisi sakho silula, ke ngoko zikhuphe izichazi, njengoko ukuzikhumbula kamva kungangumngeni: ngoku ingaba ibubu\u201dbusuku obumangalisayo\u201d okanye \u201cubusuku obumnandi\u201d? Oku kunyaniseke ngakumbi xa kunyanzelekile ukuba uyitshintshe rhoqo iphasiwedi yakho. Ukuba ke kunjalo, ungadibanisa ukudlala ngolwimi nezibalo.<\/p>\n<p>Xa utshintsha iphasiwedi yakho, iinkqubo zekhompyutha ezininzi ziyakuvumela ukuba uguqule nje kuphela indawana ezithile zephasiwedi yakho endala. Ke ngoko, ukuba kukuthatha imizuzu engama-35 ukugoduka, kutheni ungaphumi nge-16:30 emsebenzini? \u201cUPS@16:30tfk@17:05\u201d. Ungahlala unenowuthi engacacanga kwidesika yakho okanye kwidayari yakho ethi \u201cUkuPhuma \u2013 16:30\u201d neya kunceda ukukukhumbuza ngexesha elitsha okungalisebenzisa kwiphasiwedi yakho entsha.<\/p>\n<p>QAPHELA:\u00a0 Eli nqaku lisebenzisa <a href=\"https:\/\/www.schneier.com\/essays\/archives\/2008\/11\/passwords_are_not_br.html\" target=\"_blank\" rel=\"noopener noreferrer\">ukwamkeleka kwesikimu sikaSchneier<\/a>, nesaphuhliswa sisazinzulu ngokhuseleko uBruce Schneier ngowama-2008<\/p>\n<p>\u00a0<\/p>\n\n\n<figure class=\"wp-block-image size-large\"><a ref=\"magnificPopup\" href=\"http:\/\/www0.sun.ac.za\/languagecentre\/wp-content\/uploads\/2018\/06\/password-64047_1280-300x212-1.jpg\"><img loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"300\" height=\"212\" src=\"http:\/\/www0.sun.ac.za\/languagecentre\/wp-content\/uploads\/2018\/06\/password-64047_1280-300x212-1.jpg\" alt=\"A linguistic game for creating passwords\" class=\"wp-image-11164\"\/><\/a><\/figure>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Kukho uhlobo oluthile lwenkxalabo ngalo lonke ixesha ucelwa ukuba wenze iphasiwedi entsha. Oku kungenziwa yinto yokokuba uphinda udala amanye amanani anguwe nothemba ukuba aya kugcinwa yiklawudi yekhompyutha (internet cloud) ethile. Nangona kunjalo, okungenzeka kukuba le nkxalabo yakho ivela kwinto yokokuba iphasiwedi yakho oyisebenzisayo ayindanga ngokwaneleyo, ayiqulethenga zimpawu zikhethekileyo okanye amanani awaneleyo, ayiqali ngehaiku kwaye ayipheli&#8230;<\/p>\n","protected":false},"author":1,"featured_media":11164,"comment_status":"closed","ping_status":"closed","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_acf_changed":false,"inline_featured_image":false,"_monsterinsights_skip_tracking":false,"_monsterinsights_sitenote_active":false,"_monsterinsights_sitenote_note":"","_monsterinsights_sitenote_category":0,"_uf_show_specific_survey":0,"_uf_disable_surveys":false,"footnotes":""},"categories":[176],"tags":[],"class_list":["post-11567","post","type-post","status-publish","format-standard","has-post-thumbnail","hentry","category-recent-news-xh"],"acf":[],"aioseo_notices":[],"_links":{"self":[{"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/11567","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/users\/1"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=11567"}],"version-history":[{"count":1,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/11567\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":14281,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/11567\/revisions\/14281"}],"wp:featuredmedia":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/media\/11164"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=11567"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=11567"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=11567"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}