{"id":11571,"date":"2017-11-20T19:32:12","date_gmt":"2017-11-20T19:32:12","guid":{"rendered":"http:\/\/www0.sun.ac.za\/languagecentre\/itsunami-yalapha-yeencwadi-zosuku-lwezizwe-lobuchule-bokufunda-nokubhala\/"},"modified":"2021-01-19T06:42:34","modified_gmt":"2021-01-19T06:42:34","slug":"itsunami-yalapha-yeencwadi-zosuku-lwezizwe-lobuchule-bokufunda-nokubhala","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/itsunami-yalapha-yeencwadi-zosuku-lwezizwe-lobuchule-bokufunda-nokubhala\/?lang=xh","title":{"rendered":"Itsunami yalapha yeencwadi zosuku lwezizwe lobuChule bokuFunda nokuBhala"},"content":{"rendered":"<p>Kulo nyaka ngomhla we-11 kuSeptemba, iLebhu yokuFunda yeZiko leeLwimi yasungula itsunami yeencwadi phaya eNeelsie (iZiko labaFundi, iLangenhoven) ngenjongo yokubhiyozela uSuku lweZizwe lobuChule bokuFunda nokuBhala.<\/p>\n<p>Kwabekwa imfumba yeencwadi ezisisipho apho eNeelsie ukuze nabani na abe nokuzithathela. Incwadi nganye ikhutshwe kwangaphambili nesitika seZiko leeLwimi, sitika eso sasichaza ukuba incwadi leyo ifumaneka simahla, kananjalo nabani na angazithathela aze umfundi akugqiba ukuyifunda ayigqithisele komnye umntu. Abo bazithathelayo apho eNeelsie, izityudini ubukhulu becala, yaba khwankqisa le nto. Yaba ngumnqa kubo eyokuba bavunyelwe ukuba bazithathele nayiphi na incwadi ngaphandle kokuyihlawulela. Le projekthi kaloku kusenokuthiwa ayiyikuthazi inkqubo yohlobo lwedijithali yobuchule bokufunda nokubhala \u2013 ekujoliswe kuyo kulo nyaka \u2013 ngqo, koko into ethande ukulawula bubuchule bokufunda nokubhala iincwadi nalo mmiselo uthi \u201cukuyihlawulela kwangaphambili\u201d.<\/p>\n<p>Ukususela ngoJulayi, isitafu seZiko leeLwimi besithe gqolo ukunikela ngeencwadi kule projekthi, minikelo leyo iyonke iye yazalisa, ngesisa, iingxowa ezimnyama ezilithoba ngeencwadi. Olu luvo luvele kwiprojekthi i-Book Fairy yomdlali weqonga owaziwayo u-Emma Watson, eyayibandakanya yena nezinye \u2018iindlezana zasentsomini zeencwadi\u2019 ezazishiya iincwadi kwiindawo zikawonkewonke ukuze abantu bazifumane, bazifunde baze bazidlulisele kumfundi olandelayo.<\/p>\n<p>ILebhu yokuFunda iceba ukusungula le tsunami yeencwadi kwakhona kunyaka ozayo kwaye sele iqalile ukuwuqokelelela iincwadi loo mcimbi. Ukuba uneencwadi onqwenela ukunikela ngazo, zise kwiLebhu yokuFunda kwanombolo-7 kwiSitalato iBosman, eStellenbosch, ngeeyure zeofisi, okanye umeyilela u<a href=\"mailto:vernita@sun.ac.za\">Vernita Beukes<\/a>, inkokeli yale projekthi.<\/p>\n<p>\u2018Ubuchule bokufunda nokubhala kwimo yeekhompyutha\u2019 kwakungumxholo woSuku lweZizwe lobuChule bokuFunda nokuBhala ngomhla wesi-8 kuSeptemba kulo nyaka. Kumyalezo wakhe ngaloo mhla, u-Irina Bokova, umQondisi-Jikelele we-UNESCO, wathi: \u201cKulo nyaka lo mcimbi ujolise ekuqondisiseni uhlobo lobuchule bokufunda nokubhala olufunwa yile mo yedijithali ukuze kwakhiwe uluntu oluqukayo, olunobulungisa nolunozinzo. Wonke ubani kufuneka akwazi ukuxhamla kangangoko kwinzuzo yala maxesha matsha edijithali ukwenzela amalungelo abantu, uthethathethwano notshintshiselwano ukuze kubekho uphuhliso oluzinze nangakumbi\u201d.<a ref=\"magnificPopup\" href=\"http:\/\/www0.sun.ac.za\/languagecentre\/wp-content\/uploads\/2017\/11\/TDwerksessie-collage1.jpg\"><br \/><\/a><\/p>\n<p>\u00a0<\/p>\n\n\n<figure class=\"wp-block-image size-large\"><a ref=\"magnificPopup\" href=\"http:\/\/www0.sun.ac.za\/languagecentre\/wp-content\/uploads\/2017\/11\/tsunami-collage1-300x300-1.jpg\"><img loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"300\" height=\"300\" src=\"http:\/\/www0.sun.ac.za\/languagecentre\/wp-content\/uploads\/2017\/11\/tsunami-collage1-300x300-1.jpg\" alt=\"Local book tsunami for International Literacy Day\" class=\"wp-image-11188\" srcset=\"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-content\/uploads\/2017\/11\/tsunami-collage1-300x300-1.jpg 300w, https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-content\/uploads\/2017\/11\/tsunami-collage1-300x300-1-150x150.jpg 150w, https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-content\/uploads\/2017\/11\/tsunami-collage1-300x300-1-280x280.jpg 280w\" sizes=\"auto, (max-width: 300px) 100vw, 300px\" \/><\/a><\/figure>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Kulo nyaka ngomhla we-11 kuSeptemba, iLebhu yokuFunda yeZiko leeLwimi yasungula itsunami yeencwadi phaya eNeelsie (iZiko labaFundi, iLangenhoven) ngenjongo yokubhiyozela uSuku lweZizwe lobuChule bokuFunda nokuBhala. Kwabekwa imfumba yeencwadi ezisisipho apho eNeelsie ukuze nabani na abe nokuzithathela. Incwadi nganye ikhutshwe kwangaphambili nesitika seZiko leeLwimi, sitika eso sasichaza ukuba incwadi leyo ifumaneka simahla, kananjalo nabani na angazithathela aze&#8230;<\/p>\n","protected":false},"author":1,"featured_media":11188,"comment_status":"closed","ping_status":"closed","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_acf_changed":false,"inline_featured_image":false,"_monsterinsights_skip_tracking":false,"_monsterinsights_sitenote_active":false,"_monsterinsights_sitenote_note":"","_monsterinsights_sitenote_category":0,"_uf_show_specific_survey":0,"_uf_disable_surveys":false,"footnotes":""},"categories":[177],"tags":[],"class_list":["post-11571","post","type-post","status-publish","format-standard","has-post-thumbnail","hentry","category-dialogos-xh"],"acf":[],"aioseo_notices":[],"_links":{"self":[{"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/11571","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/users\/1"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=11571"}],"version-history":[{"count":1,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/11571\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":14277,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/11571\/revisions\/14277"}],"wp:featuredmedia":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/media\/11188"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=11571"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=11571"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/zone.ladybugdigital.co.za\/taalsentrumdebug2025\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=11571"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}